Iindumiso 135 XHO96

Elokudumisa

1 Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;

2 nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,nasenkundleni yomzi woThixo wethu.

3 Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.

4 Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!

5 Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.

6 Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –nditsho emazulwini nasemhlabeni,kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.

7 Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.

8 Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.

9 Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.

10 Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.

11 Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12 Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13 Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14 Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.

15 Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16 Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.

17 Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.

18 Bakwafana nazo abenzi bazo,nabo bonke abakholosa ngazo.

19 Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.

20 NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.

21 Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”