1 Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;
2 nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,nasenkundleni yomzi woThixo wethu.
3 Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.
4 Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!
5 Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.
6 Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –nditsho emazulwini nasemhlabeni,kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.
7 Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.
8 Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.
9 Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.
10 Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.
11 Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12 Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13 Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.
15 Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.
16 Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.
17 Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.
18 Bakwafana nazo abenzi bazo,nabo bonke abakholosa ngazo.
19 Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.
20 NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.
21 Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”