1 Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;ewe ngenene, andithandabuzi;ndiza kumemelela nditsholoze!
2 Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.
3 Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.
4 Izibele zakho zibalasele ezulwini;ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.
5 Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.
6 Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.
7 UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.
8 IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;uEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.
9 UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
10 Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?
11 Noko usilahlile, Thixo?Akusaphumi nemikhosi yethu?
12 Sincedise ezintshabeni zethu;kaloku olomntu uncedo luphuthile.
13 Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.