1 Uyavuya ukumkani ngenxa yamandla akho, *Ndikhoyo,uyachulumacha kuba umnike uloyiso.
2 Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe;usivile isicelo sakhe.
3 Umhlangabeze ngeentsikelelo ezingathethekiyo,wamthi jize ngesithsaba segolid' entloko.
4 Wacela ubomi kuwe;wampha ubom' obude obuhlala buhleli.
5 Ufumene imbeko enkulu ngenxa yoncedo lwakho;umnike udumo nobungangamela.
6 Ewe, umnike uyolo olungapheliyo;kwanobukho bakho buyamchwayitisa.
7 Kaloku ukumkani uthembele ngoPhezukonke,yaye ngenxa yenceba kaNdikhoyo uya kuhlal' engukumkani.
8 Zonk' iintshaba zakho uya kuzibhaqa;uya kubafumana bonk' abakuthiyileyo.
9 Úya kubatshisa ngesihogo somlil' akufika;uNdikhoyo wobatshabalalisa ngomsindo, abaqwele ngomlilo.
10 Uya kuyiphelisa inzala yabo ehlabathini,bangabikho abantwana babo phakathi kwabantu.
11 Nokuba bayila ububi ngawe,nokuba benza iyelenqe,abanakuphumelela.
12 Kaloku úya kubadubula ebusweni ngeentolo zakhe,abachithe babe ziintsalu.
13 Mawubongwe, Ndikhoyo, ngenxa yobugorha bakho;thina sokubonga sikudumise ngenxa yamandla akho.