1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo,oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
2 Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni;isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka.
3 Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi;uya kuhlala esenza ubulungisa.
4 Yena uyawakhanyisela amalungisa;unjengesibane ebumnyameni,kuba unobubele, inceba, nokulunga.
5 Unethamsanqa umntu onika ngesisa,lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
6 Ilungisa alisoze ligungqe,laye lingasoze lilibaleke.
7 Iindaba ezimbi azilirhwaqelisi;kaloku lomelele, kuba liqamele ngoNdikhoyo.
8 Alitatazeli, laye lingenadyudyu,zide zoyisakale iintshaba zalo.
9 Lona linezinwe kumahlwempu;liya kuhlala lisenza ubulungisa.Ewe, liyahlonitshwa, futhi linesidima.
10 Abangendawo bathi bakuyibona le nto bakhathazeke;bathwal' umlomo bajijitheke bancame.Ewe, iminqweno yabo ayizi nanto.