1 Phulaphulani, nonke zizwe!Yivani, nonke bemi behlabathi!
2 Iindidi zonke maziphulaphule,izityebi ngokunjalo namahlwempu!
3 Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,iingcamango zam zizal' ukuqiqa.
4 Ndiza kujongana nentsonkotha;ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.
5 Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,
6 abantu abaqamele ngobutyebi,abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?
7 Umntu akanako ukusindisa umntu;akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.
8 Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.Alifikeleleki mpela-mpela
9 elo linokumenza abe sisimakade,angaze alibone ingcwaba.
10 Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,izidenge kwanezityhakala!Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.
11 Amangcwaba likhaya labo naphakade.Baya kuhlala khona njalo-njalo,nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.
12 Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.
13 Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,abo bakhohliswa ziingcinga zabo.
14 Bamiselwe ukufa njengeegusha;bona baxhatshazwa kukufa.Bathi ngqo behlele engcwabeni,onke amathambo abo avuthuluke,kuba kaloku bona abasekho.
15 Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;uya kundihlangula andithathele kuye.
16 Sukuxhala wakubona umntu ehluma,wakubona ubutyebi bakhe bukhula.
17 Akanakuhamba nabo xa afayo;ubutyebi buya kusala ngasemva.
18 Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,nokuba ebenconywa ngempumelelo,
19 wohamba aye kuhlala namanyangeangaze abonane nokukhanya.
20 Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.