Iindumiso 49 XHO96

Musa ukukholosa ngobutyebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1 Phulaphulani, nonke zizwe!Yivani, nonke bemi behlabathi!

2 Iindidi zonke maziphulaphule,izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3 Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,iingcamango zam zizal' ukuqiqa.

4 Ndiza kujongana nentsonkotha;ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5 Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6 abantu abaqamele ngobutyebi,abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7 Umntu akanako ukusindisa umntu;akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8 Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.Alifikeleleki mpela-mpela

9 elo linokumenza abe sisimakade,angaze alibone ingcwaba.

10 Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,izidenge kwanezityhakala!Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11 Amangcwaba likhaya labo naphakade.Baya kuhlala khona njalo-njalo,nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12 Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13 Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

14 Bamiselwe ukufa njengeegusha;bona baxhatshazwa kukufa.Bathi ngqo behlele engcwabeni,onke amathambo abo avuthuluke,kuba kaloku bona abasekho.

15 Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;uya kundihlangula andithathele kuye.

16 Sukuxhala wakubona umntu ehluma,wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17 Akanakuhamba nabo xa afayo;ubutyebi buya kusala ngasemva.

18 Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19 wohamba aye kuhlala namanyangeangaze abonane nokukhanya.

20 Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.