1 Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela?Koda kube nini na ndingakuboni?
2 Koda kube nini na ndinomva-ndedwa,ndinesingqala, ibuhlung' imini yonke intliziyo yam?Koda kube nini zindivuyelel' iintshaba zam?
3 Bek' iindlebe, Ndikhoyo, undive, Thixo wam.Ndihlaziye, hleze ndilal' ubuthongo bokufa,
4 hleze luthi lundoyisil' utshaba lwam,bachwayit' ababandezeli, kuba ndoyisiwe.
5 Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;ndochulumacha kuba uyandihlangula.
6 Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.