Iindumiso 89 XHO96

Ingoma yamaxesha enkathazo

Umbongo kaEtan umEzra.

1 *Ndikhoyo, ndiya kucula ngezibele zakho njalo-njalo;ukuthembeka kwakho ndokubhengeza kuzo zonke izizukulwana.

2 Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe;ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini.

3 Kaloku wena wathi:“Ndenze umnqophiso kunye nomnyulwa wam;ndinqophisene nesicaka sam uDavide, ndathi:

4 ‘Ndiya kuyimisela ngonaphakade inzala yakho;ndoluxhasa ulawulo lwakho lungabi nasiphelo.’ ”

5 Amazulu ababaza imimangaliso yakho, Ndikhoyo,ukuthembeka kwakho ebandleni lemilowo yakwakho!

6 Esibhakabhakeni ngubani onokulinganiswa nawe, Ndikhoyo,ingubani kwabasemazulwini ofana nawe?

7 UnguThixo ohlonelwayo kwibandla labamsulwa;umkhulu uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abakungqongileyo.

8 Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,ngubani oyingangamsha njengawe?Ngeendlela zonke uthembekile!

9 Iilwandle ezinzongo-nzongo zilawulwa nguwe;wena uyawazolisa amaza agugumayo.

10 Wena wasinyhasha isilo esikhulu saselwandle;ngaloo mandla akho wazisarhaza iintshaba zakho.

11 Amazulu ngokunjalo nehlabathi lelakho;ihlabathi nako konke okukulo kwasekwa nguwe.

12 Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.

13 Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.

14 Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.

15 Basethamsanqeni abantu abakubhengeza ngendumiso;ewe, Ndikhoyo, abo basoloko bekufutshane nawe,

16 abonwatyiswa nguwe imini yonke,bekudumisa ngenxa yobulungisa bakho.

17 Wena uyindili yokomelela kwabo;batshatshele kuba baxhaswa nguwe.

18 LikuNdikhoyo ikhaka lethu;ukumkani wethu uvela koyiNgcwele kaSirayeli.

Isithembiso sikaThixo kuDavide

19 Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.

20 Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.

21 Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.

22 Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.

23 Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.

24 Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.

25 Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.

26 Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’

27 Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.

28 Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;umnqophiso wam naye soze utshitshe.

29 Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.

30 “Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,

31 ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,asayithobela imithetho yam,

32 ndisohlwaye ngoswazi,ndibakatse ngenxa yesono sabo.

33 Kambe ke soze ndipheze ukumthanda,ingasoze inxaxhe intembeko yam.

34 Soze ndiwutshitshise umnqophiso wam,lingasoze liwe phantsi ilizwi endalithethayo.

35 Ewe, kaloku ndafunga ubungcwele bam,ngoko ke soze ndimxokise uDavide.

36 Indlu yakhe soze ithini nanini-nanini;ulawulo lwakhe luqiniseke njengelanga.

37 Soze luthini, lunjengenyangayona ilingqina elithembekileyo elisesibhakabhakeni.”

Isililo ngokoyiswa kokumkani

38 Phi ke, ngoku umlahlile nje,wanengcwangu ngakumthanjiswa wakho?

39 Uwutshitshisile umnqophiso wakho nesicaka sakho;uyohluthile naloo mbasa yakhe.

40 Uzidilizile iindonga zesixeko sakhe;uzitsho zangamabhodlo iinqaba zakhe.

41 Ngoku abadlulayo bayazixhwithela;uyintlekisa nakubamelwane bakhe.

42 Wena uziphakamisile iintshaba zakhe;iintshaba zakhe ziyamqholosela.

43 Ewe, ikrele lakho ulitsho layindunyuva;ngoku usisisulu edabini.

44 Uwohluthile umsimbithi oliwonga lakhe,walubhangisa ulawulo lwakhe.

45 Uyinqamle imihla yobutsha bakhe;ewe, umthe wambu ngehlazo.

Umthandazo wokusindiswa

46 *Ndikhoyo, koda kube nini ufulathele – ngumlibe na?Koda kube nini ivutha njengomlilo ingqumbo yakho?

47 Ndikhoyo, khawukhumbule ukuba bufutshane kwabo ubomi bam;khumbula ukungabi nto kwabo ubomi bomntu.

48 Nguwuphi umntu oya kuhlala ngonaphakade,ingubani ongaliphephayo ingcwaba?

49 Nkosi, zaya ngaphi izibele zakho zamandulo,nditsho ezo wazifungela uDavide?

50 Nkosi, khawukubone ukungcikivwa kwesicaka sakho,ndlela le ndijijithekiswa yintlamba yoluntu ngayo.

51 Ndikhoyo, iintshaba zihlekisa ngam;ewe, ziphoxisa ngaye umthanjiswa wakho naphi na apho anyathela khona.

52 Huntshu-u-u! UNdikhoyo ngowokubongwa naphakade!Makube njalo – ewe; amen!