1 Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;ngamandla akho undikhulule.
2 Wuphulaphule umthandazo wam,sive isikhalo sam, Thixo.
3 Iintlanga ziyandihlasela;izikhohlakali zizungula ukundibulala.Zona azimkhathalele nganto uThixo.
4 Kodwa ke umncedi wam nguThixo,umxhasi wam nguMhlekazi.
5 Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.Zibhangise, kuba uthembekile wena.
6 *Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.
7 Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.