Iindumiso 27 XHO96

Umthandazo wokubonga

Umhobe kaDavide.

1 *InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2 Xa bendidlavula abantw' abakhohlakeleyo,iintshaba zam nabandileqayo,kokhubeka kwabona, bawe.

3 Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,andiyi kuba naluvalo konke.Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

4 Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,ndaye ndifuna yona kanye:le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

5 Kaloku wondikhusela enqabeni yakhe ngexesha lobubi,andifihle engontsini endlwini yakhe,ndithi ngcu phezulu eliweni.

6 Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo,ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe,ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo.

7 Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;yiba nenceba kum, undiphulaphule.

8 Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,”intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.”

9 Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo,ungasilahli ngomsindo isicaka sakho.Wena mncedi wam, mus' ukundilahla;uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.

10 Xa ndilahlwe ngubawo noma,wondichola yena uNdikhoyo.

11 Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo,undikhokele endleleni elungileyo,kuba zininzi iintshaba zam.

12 Uzungandiyekeli kwabandivukelayo,kuba andivukele amangqina obuxoki,afutha ukundenzakalisa.

13 Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyolo gama ndisadla amazimba.

14 Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!