1 UThixo uyaziwa kwaJuda;igama lakhe lidumile kwaSirayeli.
2 IseJerusalem indlu yakhe;ikhaya lakhe liseZiyon.
3 Wazikroboza iintolo namakhakha,amakrele nezikrweqe zemfazwe.
4 Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.
5 Amagorha uwahluthe amaxhoba;amajoni alala undolala,akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.
6 Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.
7 Awu, uyamangalisa kambe!Ngubani onokujongana nawewakuvutha umsindo wakho?
8 Wena wagweba usemazulwini,ihlabathi latsho lakhwankqiswa.
9 Ngokuya wena wawisa isigwebosokusindisa abacinezelwa behlabathi.
10 Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;abasindileyo kuwo bayayaleka.
11 Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;abamngqongileyo mabezise izithabathababarhume kulowo ufanele ukoyikwa,
12 kulowo unqamla umoya wamatshawe,ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.