Iindumiso 51 XHO96

Umthandazo wokuzohlwaya

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide xa wayejongene noNatan emveni kwenyala lakhe noBhashebha.

1 Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!Ngenxa yezibele zothando lwakho,nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!

2 Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

3 Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;isono sam sindithukuthezele.

4 Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,ndenze into ekuhlazisayo.Ngoko ke undigwebe ngakhona;isigwebo sakho sifanelekile.

5 Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.

6 Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;ndincede undiphe ingqiqo enzulu.

7 Ndihlambe undicokise ndicoceke;ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.

8 Mandiphuphume luvuyo nemincili;nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.

9 Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,ubususe bonke ubugwenxa bam.

10 Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

11 Musa ukundigxotha, Nkosi yam;ungamthathi uMoya wakho kum.

12 Ndibuyisele uvuyo losindiso lwakho,undixhase ngoMoya wakho, khon' ukuze ndikuthobele.

13 Ke, bona aboni ndiya kubafundisa imiyalelo yakho,baguquke, beze kuwe.

14 Awu, Thixo, ndihlangule ekufeni!Nguwe, Thixo, ondisindisayo.Ke mna ndiya kudanduluka,ndicule ngokulunga kwakho.

15 Vula imilebe yam, Nkosi,khon' ukuze ndikubhengeze ngawo umlomo wam.

16 Kaloku wena akunanze mibingelelo.Ndingafanelana ndisenza amadini atshiswayo;akangekwanelisi wena.

17 Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.

18 Khawuncede uyivelele iZiyon, uyilungiselele;khawuphinde uzakhe iindonga zeJerusalem.

19 Uya kwandula ke waneliswe yimibingelelo efanelekileyo;amadini atshiswayo, nditsho natshiswa ephelele.Kobingwa neenkunzi eqongeni lakho lamadini.