1 Hayi bo! Mayingabi sithi, *Ndikhoyo;ewe, makudunyiswe igama lakho,ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
2 Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi na lo Thixo wabo kakade?”
3 UThixo wethu usemazulwini;yena wenza loo nto ayithandayo.
4 Kanti ke *izithixo zabo ziyisiliva negolide;bazenza ngezandla ngokwabo.
5 Ewe, zinemilomo nje, azithethi;zinawo amehlo, kodwa ziimfama.
6 Nakuba zineendlebe, aziva kodwa;zineempumlo, kodwa azikwazi ukusezela.
7 Ewe, zinezandla ezifileyo;zineenyawo, kodwa azikwazi ukuhamba;imiqala yazo ayikwazi kwenza sandi.
8 Ew', abenzi bazo bofana nazo,bekwanjalo nabo bonke abaqamela ngazo.
9 Ke wena, Sirayeli, kholosa ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wakho.
10 Nani, ndlu ka-Aron,kholosani ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wenu.
11 Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!Uluncedo nomkhuseli wabo.
12 UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,ayithamsanqele indlu ka-Aron.
13 Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.
14 Ngamana wanandisa uNdikhoyo,nina kunye nezizukulwana zenu.
15 Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyoongumenzi wamazulu nehlabathi.
16 Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.
17 Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,bengacingi nâbo behlela kwelabathe cwaka.
18 Kambe ke thina somdumisa uNdikhoyokusukela ngoku kude kuse ephakadeni.Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”