1 Ke kaloku ekuphumeni kwamaSirayeli eJiputa,ewe, ekundulukeni kwendlu kaYakobi kwelasemzini,
2 uJuda waba libango *likaNdikhoyo,ke yena uSirayeli waba luhlanga lwakhe.
3 Luthe lungabona lwaswantsula ulwandle;kanti ke yona iJordan suka yahlehla.
4 Iintaba zadloba, zaxel' amankonyana;ke zona iinduli zataka-taka, zaxel' amatakane.
5 Lwandle, ngani ukuba ubaleke?Jordan, ngani uhlehl' umva nje?
6 Ngani ukuba zidlob' okwamankonyana iintaba?Kungan' ukub' iinduli zitaka-take okwamatakane?
7 Ewe, hlabathi, khawurhwaqele, uyeza uNdikhoyo;rhwaqela phambi koThixo kaYakobi,
8 umajik' ulwalwa luntywil' emanzini,inyengan' impompoz' umthombo.