1 *Ndikhoyo, hay' ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.
2 Zide zithi xa zithetha ngam:“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”
3 Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.
4 Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.
5 Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.
6 Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal' onke.
7 Khawuphakame ume, Ndikhoyo!Ndisindise, Thixo wam!Kaloku nguwe ozoyisayo zonk' iintshaba zam;ewe, nguwe ozaphul' iimpondo iintshaba zam.
8 Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;khawubathamsanqele ke abantu bakho!