Iindumiso 9 XHO96

Ukubulela uThixo umgwebi olilungisa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ukufa konyana.”

1 Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2 Ndomemelela ngemincili,ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

3 Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.

4 Kaloku undigwebele ityala lam;ungqendeve esihlalweni sakho,wena mgwebi olungileyo.

5 Uzikhalimele iintlanga,wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,waliphanzisa kwaphela igama labo.

6 Iintshaba zethu zibhangile mpela,uzidilize didli izixeko zazo;sele zacimayo nasezingqondweni.

7 Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.

8 Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;azigwebe kakuhle zonke iintlanga.

9 NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

10 Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

11 Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.

12 Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;akasilibali isikhalo sabo baselusizini.

13 Ndenzele inceba, Ndikhoyo;bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,wena ondihlangula ethunzini lokufa.

14 Mandiluxele udumo lwakhophakathi kwabantu bakho eJerusalem.Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.

15 Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.

16 Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.

17 Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.

18 Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.

19 Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.

20 Zenze zikoyike, Ndikhoyo,ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.