1 Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi;ngokunjalo mna andiziphakamisi.Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna.
2 Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile.Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina;ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.
3 Sirayeli, khawuthembele kuNdikhoyo, kususela ngoku kude kube nini-nini.