1 Abo bakholosa *ngoNdikhoyo banjengentaba iZiyon,yona ingasoze yashukunyiswa koko izinzile ngonaphakade.
2 Kwanjengokuba iintaba ziyingqongile iJerusalemnoNdikhoyo wenjenjalo ukubaphahla abantu bakhe,nangoku kude kube ngunaphakade.
3 Izikhohlakali soze zilawule elizweni lamalungisa,hleze namalungisa asuke enze ububi.
4 Awu, Ndikhoyo, walungiselele amalungisa,abo bantliziyo zingaphambukiyo.
5 Kodwa ke bona abaphambukayobabandakanye nezikhohlakali, Ndikhoyo.Makube chosi, kube hele kwaSirayeli!