1 Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,bafumana bebulaleka abayakhayo.Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.
2 Ngamampunge ukuzabalaza uzam' ukuzixhasa,uvuka ngentseni, ulal' ezinzulwini,ungumaphila-kukuzenzela.Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;ewe, yena ubaxhasa belele.
3 Uyabona ke, oonyana lilifa elivela kuNdikhoyo;ngenene, abantwana sisipho esivela kuye.
4 Oonyana bendodana bafana neentoloelixhobe ngazo ijoni.
5 Hay' ukuzimaseka kwendoda enesiphampa sazo!Ayisoze yadeleka mpela,naxa ixambulisana neentshaba enkundleni.