Iindumiso 109 XHO96

Isikhalazo somntu osengxakini

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.

1 Thixo wam endimncomayo,ngani ukuba uthi cwaka,

2 ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;

3 bathetha izinto ezimasikizi ngam;bandihlasela ndingenzanga nto.

4 Ndandibathanda ndibathandazela,kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.

5 Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.

6 Mmisele isibhoja lo mfo;misa ofana naye ematyaleni.

7 Ematyaleni makafunyaniswe onile,nomthandazo wakhe mawumgwebe.

8 Imihla yakhe mayinqanyulwe;indawo yakhe mayithathwe ngomnye.

9 Abantwana bakhe mababe ziinkedama,umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.

10 Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.

11 Ombamba ulutho wanga angamthimba;amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.

12 Ngamana akungebikho bani uvelana naye,angabikho ozisizelayo ezo nkedama.

13 Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.

14 Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.

15 Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.

16 Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,koko wabadobelela abacinezelwa.

17 Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.

18 Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:makuthi nca emzimbeni njengamanzi;makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.

19 Ewe, makube njengengubo ayambathayo;mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.

20 Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,abo bathetha kakubi ngam.

21 Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,ndivelele ngenxa yegama lakho;ndihlangule ngenxa yezibele zakho.

22 Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;futhi ke ndixhelekile.

23 Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;ndivuthuluke ngokwesinambuzane.

24 Nditsho ndanengevane kukungatyi;andibhityanga, ndingumcinga!

25 Iintshaba zam ziphoxisa ngam;zakundibona zihlunguzel' intloko.

26 Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;ndisindise ngokwezo zibele zakho!

27 Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.

28 Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.

29 Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;ewe, mabalithi wambu oku komnweba.

30 Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;

31 kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,amhlangule kwabo bamsingela phantsi.