1 Ngamana wanesisa wasithamsanqelisa, Thixo!Ewe, ngamana ungenza kube hele kube chosi kuthi,
2 ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.
3 Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.
4 Mazidanduluk' izizwe zicule ngemincili,kuba wena ulawula ngobulungisa,zaluswa nguwe zonk' izizwe.
5 Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;bonk' abantu mabakudumise.
6 Ilizwe liphuphum' indyebo.UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.
7 Ngenene uThixo uyasithamsanqela;ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.