1 *UNdikhoyo mkhulu kakhulu;masimbonge simdumise,esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
2 Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,izisa imihlali kwihlabathi jikelele.Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.Emantla emalandalahlasilaph' isixeko sengangalala yokumkani.
3 Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,yena nqaba ingafikelelwayo.
4 Nâzo izikumkani zihlanganisana;nâzo zidibana zimanyana.
5 Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.
6 Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.
7 Iinqanawa zaseTashishewena wazintlitha ngomoya wasempuma.
8 Sivile, futhi ngoku siziboneleesixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.Nditsho isixeko sikaThixo wethu,isixeko asizinzise unaphakade uThixo.
9 Phakathi endlwini yakho, Thixo,siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.
10 Ukudunyiswa kwakho, Thixo,kukwanjengegama lakho,kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.Ulawulo lwakho lunobulungisa.
11 Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;mazidlokove izixeko zelakwaJuda.Kaloku kulungile ukugweba kwakho.
12 Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.
13 Ewe, zigqaleni iindonga zayo.Khanizihlole izakhiwo zayo,ukuze nibalisele izizukulwana.
14 Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.