Iindumiso 139 XHO96

Ulwazi nenkathalo kaThixo ifezekile

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.

1 Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.

2 Wena undazi ukusuka nokuhlala;iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

3 Mna andinako ukukunqabela nganto –nditsho ndihamba okanye ndilele,wena uyaziqonda iindlela zam zonke.

4 Kaloku wena wazi ndingekathethi;ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.

5 Kaloku wena undiphahle macal' onke;isandla sakho sindifumbathile.

6 Ndlela le undazi ngayo indongamele;ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.

7 Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?

8 Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

9 Ndingafanelana ndihamba nokusa,ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,

10 nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;ewe, ndohlala ndisemandleni akho.

11 Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,nokukhanya kujike kube bubusuku,

12 kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.

13 Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;nditsho mna kanye lo!Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.

14 Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

15 Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.

16 Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,ndingekayiqali nokuyiqala mna.

17 Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!

18 Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.

19 Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,

20 abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.

21 Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;kum banezothe abakuchasayo.

22 Ngenene ndibathiyile mpela;ndibathatha njengeentshaba zam.

23 Ndibhenela kuwe, Thixo wam:khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;ndivavanye uziqonde iingcamango zam!

24 Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.