1 Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
2 Wena undazi ukusuka nokuhlala;iingcamango zam uziqonda zingekaveli.
3 Mna andinako ukukunqabela nganto –nditsho ndihamba okanye ndilele,wena uyaziqonda iindlela zam zonke.
4 Kaloku wena wazi ndingekathethi;ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.
5 Kaloku wena undiphahle macal' onke;isandla sakho sindifumbathile.
6 Ndlela le undazi ngayo indongamele;ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.
7 Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
8 Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
9 Ndingafanelana ndihamba nokusa,ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,
10 nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;ewe, ndohlala ndisemandleni akho.
11 Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,nokukhanya kujike kube bubusuku,
12 kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.
13 Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;nditsho mna kanye lo!Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
14 Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
15 Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.
16 Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,ndingekayiqali nokuyiqala mna.
17 Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!
18 Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.
19 Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,
20 abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.
21 Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;kum banezothe abakuchasayo.
22 Ngenene ndibathiyile mpela;ndibathatha njengeentshaba zam.
23 Ndibhenela kuwe, Thixo wam:khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
24 Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.