1 Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;kaloku mna ndiyimpula kalujaca.
2 Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;sihlangule isicaka esikholosa ngawe.
3 UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.
4 Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.
5 Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.
6 Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;khawundivele, ndiyakubongoza.
7 Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,kuba wena uyavelana nam.
8 Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,engekho nonemisebenzi enjengeyakho.
9 Zonke izizwe owazidalayoziya kukhahlela kuwe, Nkosi,zibonga zibabaza igama lakho.
10 Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;ewe, nguwe wedwa uThixo.
11 Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;ndikunqule ndingankwalambisi.
12 Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,
13 kuba ziyandimangalisa izibele zakho;undihlangule enzonzobileni yengcwaba.
14 Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;zona azikukhathalele nganto.
15 Kambe ke wena, Nkosi,unguThixo onenceba nesisa.Wena ucaphuka kade,uphuphuma uthando nokunyaniseka.
16 Buya uvelane nam;khawusomeleze isicaka sakho,umhlangule unyana wesicakazana sakho.
17 Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,ukuze abandithiyileyo babone badane,kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.