Iindumiso 103 XHO96

Izibele zikaThixo

Umhobe kaDavide.

1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2 Moya wam, mbonge uNdikhoyo,ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:

3 uloxolela zonk' izono zam;ulophilisa zonk' izifo endinazo;

4 ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,andambese ngezibele nangenceba;

5 ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.

6 NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.

7 Wamazisa icebo lakhe uMosis;wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.

8 UNdikhoyo unenceba nesisa;uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

9 Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.

10 Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.

11 Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeniukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;

12 ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.

13 Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

14 Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.

15 Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.

16 Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.

17 Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,

18 kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.

19 UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.

20 Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;liphulaphuleni ilizwi lakhe.

21 Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;mbongeni, nina zicaka zakhe.

22 Nani zidalwa, khanimbonge nonke,kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!