1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
2 Moya wam, mbonge uNdikhoyo,ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:
3 uloxolela zonk' izono zam;ulophilisa zonk' izifo endinazo;
4 ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,andambese ngezibele nangenceba;
5 ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.
6 NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.
7 Wamazisa icebo lakhe uMosis;wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.
8 UNdikhoyo unenceba nesisa;uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.
9 Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.
10 Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.
11 Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeniukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;
12 ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.
13 Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.
14 Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.
15 Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.
16 Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.
17 Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
18 kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.
19 UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.
20 Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;liphulaphuleni ilizwi lakhe.
21 Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;mbongeni, nina zicaka zakhe.
22 Nani zidalwa, khanimbonge nonke,kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!