Iindumiso 105 XHO96

UThixo nemilowo yakwakhe

1 Bulelani *uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

2 Mombeleleni, mbongeni,zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!

3 Qhayisani ngegama lakhe;mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!

4 Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

5 Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimangaliso ayenzileyo,nemithetho ayiwisileyo.

6 Nina niyinzala yesicaka sakhe uAbraham,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.

7 UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.

8 Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.

9 Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.

10 Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli,

11 esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,ube sisabelo selifa lakho.”

12 Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

13 Babebhadula kumazwe ngamazwe;besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

14 Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

15 Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”

16 Ekubeni evelise indlala elizweni labo uNdikhoyo,nokutya kwabo wakuphelisa mpela,

17 wabathumela uJosefu wabandulela,wathengiswa waba likhoboka.

18 Amaqatha akhe adliswa ngamatyathanga,waminxwa nasemqaleni ngamakhamandela,

19 lada lazaliseka ilizwi awayelithethile,ilizwi likaNdikhoyo lamngqinela.

20 Ikumkani yamhlangula,umlawuli wezizwe wamkhulula,

21 yamenza intloko yomzi wayo,yamnika igunya lokulawula konke okwayo,

22 yamnika iwonga kunamaphakathi ayo,kwanegunya lokuqeqesha bonke ooceba bayo.

23 Naye uYakobi waya eJiputa,waba ngummi elizweni lakwaHam.

24 UNdikhoyo wabanika inzala eninzi abantu bakhe,wabanika amandla kunababandezeli babo.

25 Wawafaka intiyo amaJiputa,ukuze azikhohlise izicaka zakhe.

26 Emva koko uthumele uMosis isicaka sakhekunye noAron umnyulwa wakhe.

27 Babonakalisa imiqondiso yamandla kaThixo,benza nemimangaliso eJiputa.

28 UThixo wezisa ubumnyama emhlabeni,kuba engalivanga amaJiputa ilizwi lakhe.

29 Amanzi emilambo ajika aligazi,zafa zaphela nezo ntlanzi zabo.

30 Axhuma-xhuma amaxoxo kwelo lizwe,angena nkqu nasemagumbini ekumkani.

31 Watheth' uThixo, kwavela ibubu leempukane,nebubu lezibawu zalityhutyha lonke elo.

32 Kwawa isichotho endaweni yemvula,kwamenyezel' imiban' eyoyikekayo apho.

33 Yavuthuluk' imithi yemidiliya namakhiwane,yawa yaphela imithi kweli lizwe.

34 Watheth' uThixo, kwavel' iinkumbi,zatsho ngenyambalala yomqikela.

35 Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.

36 Wawabulala onk' amavela-tanci,nditheth' onke amazibulo amaJiputa.

37 Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.

38 Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.

39 Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.

40 Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.

41 Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.

42 Kaloku wakhumbula isithembiso sakhe,esingumnqophiso wakhe noAbraham isicaka sakhe.

43 Wabandulula bechwayitile abantu bakhe,abanyulwa bakhe behamba besombela.

44 Wabanika amazwe ezinye izizwe,basixhamla isiqhamo sokubila kwazo,

45 khon' ukuze bayithobel' imithetho yakhe,bagcine nemiyalelo yakhe.Makabongwe uNdikhoyo!