Iindumiso 88 XHO96

Ukukhalela uncedo

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo woonyana bakaKora; umbongo kaHeman umEzra; umva-ndedwa womntu ogulayo.

1 Emini ndibhenela kuwe, *Ndikhoyo, Msindisi wam;nasebusuku ndizibika kuwe, Thixo wam.

2 Mawuvakale umthandazo wam kuwe;ndive xa ndikhala kuwe, Thixo wam.

3 Kuba ndiphahlwe ziinkxwaleko;sendimi phezu kwengcwaba.

4 Ewe, sendibalelwa kubafi;akusekho yam kwaphela.

5 Sendinikelwe kwabafileyo;sendifana nowoselweyo othe gangalala engcwabeni.Ndinjengâbo ungasabakhumbuliyo,abo bangasenakuncedakala.

6 Undithe tywa kwelimnyama ingcwaba,ezantsi emathunjini omhlaba.

7 Ingqumbo yakho indisibekele,amaza alatyuzayo andongamele.

8 Undihluthe izihlobo zam ezisenyongweni;kungokunje ziyandenyanya.Ndixinekile, futhi andisenakuphuncula;

9 ndiyayengezelisa ngenxa yembandezelo.Ndikhoyo, ndikhala kuwe yonke imihla;ndiphakamela kuwe ngomthandazo.

10 Imimangaliso ngaba uyenzela abafileyo na?Boze bavuke bakudumise na?

11 Uthando lwakho luxelwa ngabafileyo na?Ukunyaniseka kwakho kwaziwa kwantshabalala na?

12 Ngaba imimangaliso yakho yaziwa enzonzobileni na?Okanye usindiso lwakho lusebenza kwelokulibala na?

13 Hayi bo! Ndikhoyo, ndibhenela kuwe;ntsasa zonke ndizibika kuwe.

14 Awu, Ndikhoyo, ngani ukuba undilahle?Ngani ukuba undifulathele?

15 Ndaxhwaleka ndasemngciphekweni kwandisemtsha;ndiyangcungcutheka, andisento yanto.

16 Ingqumbo yakho iyandigubungela;ewe, izithonga zakho zindicim' igama,

17 zindirhawula njengamanzi imini yonke,zindigubungela ngeenxa zonke.

18 Undihluthe izihlobo nezizalwane zam;ngoku sendihlobene nobumnyama kuphela.