1 *Ndikhoyo, ndibhenela kuwe; nceda ndivelele.Khawubek' iindlebe, usabele ndakukhala.
2 Umthandazo wam mawube sisiqhumiso kuwe,ukuphakama kwezandla zam kube ngumnikelo wamatshona.
3 Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;imilebe yam mayihlale yalusiwe.
4 Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.
5 Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;ewe, andinakuphikisana nayo.Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.
6 Iziphathamandla ke zophoswa emaweni;izikhohlakali ke zona zotsho ziqonde,zivume ukuba amazwi am afanelekile.
7 Bosuka baphoxise ke bathi:“Kutsho kwangathi kuyakhutyelwa,namathambo ethu nango ethe saa;ewe, athe xhaxhe ngamangcwaba.”
8 Ke mna ndijonge enkalwenikuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;ungandishiyi ndisesichengeni.
9 Ndihlangule kwimigibe abandibekele yona,nakuzo izabatha zabakhohlakeleyo.
10 Abakhohlakeleyo mababanjiswe kwayimigibe yabo,mna ke ndingabi nawo nomkrwelo.