Iindumiso 34 XHO96

Umthandazo wokubulela izibele zikaNdikhoyo

Umhobe kaDavide xa wayezenza igeza phambi kuka-Abhimeleki owathi wamgxotha wemka.

1 Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;andisayi kuyeka ukumdumisa.

2 Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,batsho bavuye abo babandezelekileyo.

3 Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;masilidumise kunye igama lakhe.

4 Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

5 Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6 Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7 Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8 Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

9 Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10 Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11 Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12 Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,

13 makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;

14 makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15 Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;

16 kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17 Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18 UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19 Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20 uwagcina onke amathambo alo,kungaphuki nalinye kuwo.

21 Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

22 UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.