1 Ngukumkani *uNdikhoyo, uyalawula;malichwayite ke ngoko ihlabathi, nani ziqithi vuyani!
2 Ugqubuthele ngentshinyela yelifu,nesithokothoko sobumnyama simsithile;ngukumkani ogweba kakuhle, ngobulungisa.
3 Kulephuz' umlilo ngaphambi kwakhe,uzitshise macal' onke iintshaba zakhe.
4 Imibane yakhe imenyezela kutsho kukhany' ehlabathini;batsho bangcangcazele kukoyika bakuyibon' abemi balo.
5 Zitsho zinyibilik' iintaba phambi koNdikhoyo, zixel' umthwebeba;nditheth' ingangalala yehlabathi liphela.
6 Sibonakalis' ubulungisa bakhe isibhakabhaka,ze zonk' iintlanga ziluqond' udumo lwakhe.
7 Bahlala bedana bonk' abanqula imifanekiso;nditshw' abo baqhayisa ngemifanekiso eqingqiweyo;kuba zonk' *izithixo zikhahlela kuNdikhoyo.
8 Beva, bavuya abantu baseZiyon,nezixeko zakwaJuda zachwayita,ngenxa yezigqibo zakho, Thixo.
9 Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal' ehlabathini;uyingqonyela yazo zonke izithixo.
10 Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.
11 Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.
12 Gcobani nonke malungisa,nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.