1 *Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho;ingubani oya kutyelela kwakho?
2 Ngulowo uhambo ingenabala,owenza ubulungisa,ayithethe inyaniso engafihlisi.
3 Ngulowo unganyelisiyo,ungamenziyo into embi uwabo,ungamhlebiyo ummelwana wakhe.
4 Ngobadelayo abo babukulwe nguThixo,abancome abo bamoyikayo uNdikhoyo,ofunga angajiki noba kunyembelekile.
5 Ngongabolekisi ngemali yakhe,ngenxa yokuba efuna inzala;ngongekhe anyotywe ngokuthengisa umnt' ongenatyala.Lowo ke wenjenjalongumnt' ozinzileyo.