Iindumiso 77 XHO96

Intuthuzelo yamaxesha eenzima

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu kuJedutun.

1 Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo;ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule.

2 Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini;ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla,umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka.

3 Ndakucinga ngoThixo, ndiba nesingqala;ndakucamngca, uyatyhafa umoya wam.

4 Andisabazi nobuthongo;ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.

5 Hay' imihla yamfamlibe;ndikhumbul' iminyaka yamandulo.

6 Ebusuku ndidliwa ngumva-ndedwa;ndiyacamngca ndiyicikida intliziyo yam, ndisithi:

7 “Ngaba yondilahla kuphele iNkosi,ingaze ibuye indamkele?

8 Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?Sibhangile na isithembiso sayo?

9 Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10 Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11 Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

12 Ndicamngca ngemisebenzi yakho;ndetyisa izenzo zakho ezikhwankqisayo.”

13 Hayi ke beth' ubunyulu bukaThixo!Thixo wuphi ofana noThixo wethu?

14 Wena unguThixo owenza imimangaliso;amandla akho abonakele phakathi kwabantu;

15 Wabakhulula ngamandla akho abantu;ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.

16 Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.

17 Amafu wona atsho avuz' amanzi,isibhakabhaka sona sagragrama,imibane yona yaphithizela.

18 Izithonga zeendudumo zazihamba nezaqhwithi,imibane yalikhanyisa lonke ihlabathi,umhlaba wangcangcazela wanyikima.

19 Wena wadabul' ulwandle,wacand' amanzi anzongonzongo.Ke wona umkhondo wakho awufumaneki.

20 Wabakhokela njengomhlambi abantu bakhongesandla sikaMosis noAron.