Iindumiso 18 XHO96

Ingoma kaDavide yoloyiso

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi:

1 Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.

2 NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

3 Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

4 Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,amaza arhaxayo endigubungele.

5 Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

6 Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,ndalucela uncedo kuThixo wam.Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

7 Suka wagungqa wanyikima umhlaba,nditsho neziseko zeentaba zashukuma,kuba uThixo wayenomsindo.

8 Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.

9 Wasikrazula isibhakabhaka, wehla,ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama.

10 Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphikoitshebeleza ngesantya emoyeni.

11 Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula.

12 Kwaw' isichotho namalahl' avuthayo,ziphuma kumban' ongaphambi kwakhe,zagqobhoza kuloo ntshinyela yamafu.

13 Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakal' ilizwi loPhezukonke,satsho isichotho nemibane.

14 Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

15 Ewe, watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela neziseko zelizwe,wakukhalima, wena Ndikhoyo,ugragramela iintshaba unomsindo.

16 Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

17 Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

18 Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

19 Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20 Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

21 Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

22 Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.

23 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24 Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

25 Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

26 Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

27 Ungumsindisi wabathobekileyo;uyabathoba abo banekratshi.

28 Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29 Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30 Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31 NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.

32 Ewe, nguThixo ondinika amandla;nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33 Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34 Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

35 Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.

36 Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

37 Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

38 Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.

39 Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

40 Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

41 Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.

42 Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,ndizinyhashe okodaka endleleni.

43 Wandihlangula kubavukeli,walimisa igunya lam ezizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

44 Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,

45 bephuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

46 Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe, wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

47 Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;

48 wena undihlangula kwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

49 Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

50 NguThixo omnika uloyiso ukumkani,omenzele izibele umthanjiswa wakhe,uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.