1 *Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa;ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini,
2 kwabasoloko beyila amayelenqe,behamba bephemba uchuku,
3 abalwimi zilenca njengezeenyoka,abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba.
4 Ndikhoyo, ndaluse ndingabi lixhoba lezikhohlakali;ndilondoloze ndingawi ezandleni zezijama-nkungwiniezifutha amacebo okunditshabalalisa.
5 Izibhoxi zindimbela umhadi,zona ziyandithiyisela zindigcayisele;ewe, zindibekela izabatha endleleni.
6 Hoyina! Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo; ndithi:“Wena unguThixo wam.”Ndive, ndiyatarhuzisa, Mhlekazi.
7 Athi ke wena, Ndikhoyo, Nkosi yam,Mandlandini andisindisayo,wena ulixhadi lam mhla ngedabi.
8 Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.
9 Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.
10 Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.
11 Abaphixanisi mabangaze bahlume;izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.
12 Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush' eluthulini.
13 Ngenene amalungisa aya kukudumisa;ewe, kaloku wona aya kuhlala nawe.