1 *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;ndikhala kuwe ndibindekile.
2 Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,usiphulaphule isikhungo sam.
3 Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,ngubani obengasindayo?
4 Kambe ke wena uyaxolela,khon' ukuze uhlonitshwe.
5 Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6 Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,ngaphezu komlindi ojonge ukusa,nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.
7 Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.
8 Ewe, yena uya kumkhulula uSirayelikuzo zonke izono zakhe.