Iindumiso 119 XHO96

Ukulunga nokuthembeka kwemiyalelo kaThixo

1 Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo *kaNdikhoyo.

2 Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke,

3 abantu abangabenziyo ububi,koko abahamba endleleni kaNdikhoyo.

4 Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho,ukuze siyithobele ngenyameko.

5 Akwaba bendingachul' ukunyathela,ndiyinonophele imithetho yakho.

6 Ukuba ndizibambile iziyalo zakho,andisoze ndibhaqwe lihlazo.

7 Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

8 Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;awu, nceda ungandilahli kuphele.

Ukuthobela ilizwi likaThixo

9 Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.

10 Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

11 Ndihamba ngokomlomo wakho,khon' ukuze ndingoni.

12 Awu! Bayethe, *Mhlekazi!Khawundifundise imithetho yakho.

13 Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho.

14 Kum ziluyolo izithethe zakho;zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

15 Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho,ndizinyamekele iindlela zakho.

16 Ndiyayithakazelela imithetho yakho;soze ndilityeshele ilizwi lakho.

Ukulangazelela isigwebo sikaNdikhoyo

17 Ndazelele, mna sicaka sakho,ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho.

18 Nceda undivule amehlo,ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho.

19 Ndilundwendwe apha emhlabeni;ndicacisele imiqathango yakho.

20 Umoya wam uhlala wonganyelwekukulangazelela isigwebo sakho.

21 Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo;baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho.

22 Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo,kuba ndiyayithobela imfundiso yakho.

23 Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla,mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho.

24 Kambe ke andiziva ngezithethe zakho,kuba ziyintonga yam yasekhosi.

Ukunamathela kwimfundiso kaNdikhoyo

25 Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka;ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.

26 Undivile ndakuzandlala;nceda undifundise imithetho yakho.

27 Ndifundise amasolotya emimiselo yakho,khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho.

28 Iinzingo ziwuvikivile umoya wam;khawundomeleze ngokwelizwi lakho.

29 Ndihlangule kuyo inkohliso;ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho.

30 Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

31 Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo,ngoko ke mandingaphoxeki.

32 Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho,kuba wena uyivulile ingqiqo yam.

Ukucela ingqiqo

33 Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.

34 Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho;ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke.

35 Ndikhokele ngeziyalo zakho,kuba zona ziligugu lam.

36 Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakhondaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.

37 Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo;mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho.

38 Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho;kaloku lelâbo bakuthobelayo.

39 Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika;ke zona izigqibo zakho zifezekile.

40 Ewe, andiziva ngemimiselo yakho;ndihlaziye ngobulungisa bakho.

Ukuzinikezela kwimimiselo kaNdikhoyo

41 *Ndikhoyo, ndibonise ububele bakho;mandiluxhamle usindiso ngokwesithembiso sakho.

42 Ndiya kuba nako ke ukujongana nabandenyelisayo,kuba ndikholosa ngelizwi lakho.

43 Ndincede ndiyithethe inyaniso,kuba ithemba lam zizigqibo zakho.

44 Ndohlala ndiwuthobela umyalelo wakho;ewe, kude kube ngunaphakade.

45 Mna ndiya kuxhamla inkululeko,kuba ndihamba ngemimiselo yakho.

46 Izithethe zakho ndozivakalisa nakwizinxiba-mxhaka,kuba kaloku mna andinadyudyu,

47 kuba iqhayiya lam ziziyalo zakho –andizithandi ngako, ndiphupha ngazo!

48 Ndiyayihlonela imiqathango yakho,nditsho leyo ndiyithandayo;ewe, ndicamngca ngemithetho yakho.

Ukukholosa ngeziyalo zikaNdikhoyo

49 Ungalilibali idinga lakho kwisicaka sakho.Andithi kaloku wandithembisa!

50 Nasebunzimeni ndiyathuthuzeleka,kuba isithembiso sakho siyandihlaziya.

51 Abangakhathalele Thixo baphoxisa ngam;kambe ke mna andihexi emyalelweni wakho.

52 Ndakukhumbula izimiso zakho zantlandlolo,nditsho ndithuthuzeleke, *Ndikhoyo.

53 Ndikhathazeka gqitha ndakubona abanxaxhayo,abo bangawukhathalelanga umyalelo wakho.

54 Imithetho yakho yingoma yam;ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini.

55 Ndicinga ngawe noba ndilele, *Ndikhoyo;ewe, ndiyayithobela imiyalelo yakho.

56 Ngenene mna andinakumbi,koko ndithobela imimiselo yakho.

Imimiselo kaNdikhoyo lilifa

57 Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo;ndiya kulithobela ilizwi lakho.

58 Awu, velana nam, ndiyakubongoza;ndibabale ngokwesithembiso sakho.

59 Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo;ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho.

60 Sendingxamile, andisayi kulibazisa;ndozithobela iziyalo zakho.

61 Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo,soze ndiwulibale umyalelo wakho.

62 Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka;ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.

63 Amaqabane am ngabakuthobelayo,abahamba ngemimiselo yakho.

64 Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo;nceda undifundise imithetho yakho.

Ukubaluleka kommiselo kaNdikhoyo

65 *Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho;wenze ngokwesithembiso sakho.

66 Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.

67 Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.

68 Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane!Khawundifundise imithetho yakho.

69 Izikhohlakali zindityabeka ngobuxoki,kodwa mna ndithobela imimiselo yakho ngomxhelo wam wonke.

70 Zona zingamagumasholo angachukumisekiyo;ke mna ndithakazelela umyalelo wakho.

71 Ewe, tshotsh' undohlwaye, Ndikhoyo,ukuze ndiyifunde imithetho yakho.

72 Umyalelo wakho kum ubhetele kunobutyebi,nditsho nkqu nekhipha legolide nesiliva.

Izigqibo zikaNdikhoyo zinobulungisa

73 Ndinje nje nje ndidalwe nguwe;ndifundise ndiziqonde iziyalo zakho.

74 Abakuthobelayo bovuya bakundibona,kuba mna ndikholosa ngamadinga akho.

75 Ndiyakuvuma ukufaneleka kwesigwebo sakho;ewe, *Ndikhoyo, undohlwaye ngakhona.

76 Ndithuthuzele ngezibele zakho,njengoko wasithembisayo isicaka sakho.

77 Velana nam, ukuze ndiphile,kuba iqhayiya lam ngumyalelo wakho.

78 Zona izibhoja mazihlazeke,kuba zindirhintyela ngobuqili;ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho.

79 Mabeze kum bonke abakuthobelayo,abo bayiqondayo imfundiso yakho.

80 Mandingabi nabala kwimithetho yakho,khon' ukuze ndingahlazeki.

Ukucela ukuhlangulwa

81 *Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise!Ithemba lam lilizwi lakho.

82 Amehlo amnyama kukujong' enkalweni;yaz'ba uya kundithuthuzela nini na?

83 Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.

84 Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho?Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo?

85 Abanekratshi bayandithiyela,abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho.

86 Imiqathango yakho ithembekile;nceda, nâbo bendibhijela ngobuxoki.

87 Sebephantse bandicim' igama,kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho.

88 Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye,ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho.

Imiqathango kaNdikhoyo inemfezeko

89 *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade;lithe zinzi emazulwini.

90 Wena uya kuhlala uthembekile;ihlabathi walenza, soze lashukuma.

91 Izigqibo zakho zohlala zihleli;iinto zonke zikhahlela kuwe.

92 Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakhongezindibulele iimbandezelo.

93 Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,kuba ndibufumana kuyo ubomi.

94 Mna ndingowakho, ndisindise,kuba ndiyayilandela imimiselo yakho.

95 Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa;ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho.

96 Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo;ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko.

Imfundiso kaNdikhoyo ivul' ingqondo

97 Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho;ndiphicothana nawo imini yonke.

98 Iziyalo zakho zendele kum;zindenza ndilumke kuneentshaba zam.

99 Ndibavelele nabafundisayo,kuba ndizinonelele iimfundiso zakho.

100 Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala,kuba ndiyazithobela izithethe zakho.

101 Ndiyazicezela iindlela ezinengozi,kuba ndithobela ilizwi lakho.

102 Andiphambuki kwisigwebo sakho,njengoko wandifundisayo.

103 Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka;ewe, ziyolile kunobusi.

104 Imfundiso yakho indivul' ingqondo,ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa.

Ilizwi likaNdikhoyo liyakhanyisa

105 Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;liyandikhanyisela eluhambeni.

106 Ndizibophelele ngesifungo;ndiya kusithobela isigwebo sakho.

107 *Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo;ndihlaziye ngokwedinga lakho.

108 Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam,undazise izigqibo zakho.

109 Ubomi bam buhlala busesichengeni,kodwa andishenxi kumyalelo wakho.

110 Abakhohlakeleyo bayandithiyela,kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho.

111 Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;ewe, iluyolo entliziyweni.

112 Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho;ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni.

Iziyalo zikaNdikhoyo ziyakhusela

113 Ndibathiyile abantu abambaxa,kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho.

114 Wena ulikhaka nekhusi lam;ndiqamele ngelizwi lakho.

115 Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo,ndithobele imiqathango yoThixo wam.

116 Ndixhase ngokwesithembiso sakho,khon' ukuze ndibudle ubomi;mandingadani kukufadalala kwethemba lam.

117 Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde,ndihlale ndinonelele imithetho yakho.

118 Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho;kona ukundweba kwabo ngamampunge.

119 Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma;ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho.

120 Ke mna ndiziva ndikoyika;sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.

Ukunyamekela iindlela zikaNdikhoyo

121 Ndizithobele izimiso zakho, andinabala;sukundiyekela ngabo banditshutshisayo.

122 Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho;mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini.

123 Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa,nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho.

124 Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho,undifundise imithetho yakho.

125 Ndingowakho, ndiphe ukuqonda,ukuze ndizazi izithethe zakho.

126 Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo;abantu bawunyathele umyalelo wakho.

127 Iziyalo zakho ndiyazithandangaphezu kwayo negolide yodidi;

128 kungoko ndiyilandela imimiselo yakho;ke kona ukunxaxha ndikuthiyile.

Imimiselo kaNdikhoyo iyathandeka

129 Imfundiso yakho ibalulekile;ndoyithobela ngomxhelo wam wonke.

130 Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;abangazi nto libanika ukuqonda.

131 Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe,kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho.

132 Khawuze kum undibabale,kakade wenjenjalo kwabakuthandayo.

133 Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

134 Ndikhulule kwingcinezelo yabantu,ukuze ndiyenze imimiselo yakho.

135 Ndivelele undazelelele,undifundise imithetho yakho.

136 Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakhozitsho ziphalale iinyembezi kum.

Imiyalelo kaNdikhoyo inobulungisa

137 Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo!Ewe, isigwebo sakho asinagobe.

138 Usinika imfundiso enobulungisa;ewe, inolungelelwano, ithe ngqo.

139 Ikhwele lindongamele ngenxa yeentshabaezingalikhathalelanga ilizwi lakho.

140 Izithembiso zakho zivavanyiwe zagqwesa;ke mna ndizixabise gqitha.

141 Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto,andishenxi kwimimiselo yakho.

142 Ubulungisa bakho bohlala buhleli,nomyalelo wakho wohlala uthembekile.

143 Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo,kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho.

144 Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile;ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile.

Ukutarhuzisa

145 Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi!Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela.

146 Ndizibika kuwe, ndikhulule;imfundiso yakho ndoyithobela.

147 Ndikhala kuwe kusathi qheke ukusa;kaloku ndikholosa ngezwi lakho.

148 Ndivuk' ezinzulwini zobusuku;ndicamngca ngezithembiso zakho.

149 Ngenxa yezibele zakho, *Ndikhoyo, sabela,undihlaziye ngokwesigqibo sakho.

150 Abandenzela amayelenqe bayasondela,bona abayikhathalelanga imiyalelo yakho.

151 Kanti ke wena ukufutshane nam, Ndikhoyo,neziyalo zakho zithembekile.

152 Kwantlandlolo ndizifundile izithethe zakho;zaye ke zona zisisimakade.

Ukuzicelela ukwazelelelwa ebomini

153 Velana nam, kuba ndibandezelekile, undisindise,kuba andishenxi emyalelweni wakho.

154 Zabalaza undihlangule;ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.

155 Kwizikhohlakali usindiso luthe qelele,kuba aziyikhathalele imithetho yakho.

156 Ke wena, *Ndikhoyo, unguSozinceba;ndihlaziye ngokwesigqibo sakho.

157 Zininzi iintshaba nabandibandezelayo,kodwa andishenxi kwimfundiso yakho.

158 Ndiyakhamnqa ndakubona abangcatshi;kaloku bona abalise so idinga lakho.

159 Ndiyayithanda kambe imimiselo yakho, Ndikhoyo;ngokwezibele zakho ndazelele ebomini.

160 Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.

Ukuqamela ngommiselo kaNdikhoyo

161 Iziphathamandla ziyanditshutshisa ngaphandle kwesizathu;ke mna ndiyalihlonipha ilizwi lakho.

162 Izithembiso zakho ziyandonwabisa;nditsho ndifane nomntu oxhaphaza isisulu.

163 Ndibuthiyil' ubutshijolo, bunezothe kum;kanti ke umyalelo wakho ndiyawuthanda.

164 Lide liye kutshona ndikubulelangenxa yokulunga kwezigqibo zakho.

165 Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.

166 Ndikhoyo, ndijonge kuwe, ndisindise;kaloku ndizithobele iziyalo zakho.

167 Imfundiso yakho ndiyilandela ngomoya wam wonke;kaloku andizenzi, ndiyayithanda.

168 Ndiyayithobela imimiselo nezithethe zakho,kambe ke wena wazi konke ngam.

Ukucela uncedo

169 Ndiyatarhuzisa; ndive, *Nkosi;ndivul' ingqondo ngokwesithembiso sakho.

170 Ndiyakubongoza, ndiphulaphule;ndihlangule njengoko wathembisayo.

171 Ndiya kusoloko ndikuncoma, ndikubonga,kuba uyandifundisa imithetho yakho.

172 Ingoma yam ngamadinga akho;kaloku iziyalo zakho zilungile.

173 Hlala ulungele ukundinceda;kaloku ndizikhethele imimiselo yakho.

174 Wowu! Ndiyakulangazelela ukusindiswa!*Ndikhoyo, andiziva ngemithetho yakho!

175 Ndiphe ubomi, ukuze ndikudumise;isigqibo sakho masindixhase.

176 Ndibhadula njengegusha elahlekileyo.Awu, phuthuma usifune isicaka sakho,kuba andiyilibali imiqathango yakho!