Iindumiso 59 XHO96

Ukuthandazela ukukhuselwa

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide emveni kokuba uSawule wayethumele amadoda ukuze amchwechwele ambulale endlwini yakhe. Luculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.”

1 Khawundihlangule ezintshabeni, Thixo wam;ndikhusele kwabo bandihlaselayo.

2 Ndihlangule kubantu abagwenxa;ndisindise kwizikrelemnqa.

3 Uyabona bayandilalela.Izikhohlakali zidibana ngam,ndingonanga nokona, *Ndikhoyo.

4 Hayi, andenzanga nento le,kodwa nâbo bendiqulela.

5 Ndikhoyo, Thixo Somandla,wena Thixo kaSirayeli,phakama uze kundinceda!Vela undibone kaloku.Zivukele uzohlwaye iintlanga.Mabangasindi abaphembi boqhushululu.

6 Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.

7 Nâbo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.

8 Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.

9 Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.

10 Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.

11 Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.

12 Kukrwada ukuthetha kwabo;mabaxakane nekratshi labo,kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.

13 Babhubhise ngomsindo wakho;batshabalalise kuthi tu,khon' ukuze ihlabathi laziukuba kwaYakobi kulawula uThixo.

14 Baphuma ngamarhatya, ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.

15 Bafunana nokutya, barhaqaze bakuba benganeli.

16 Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;ndiya kumemelela kwasekuseni,kuba uthando lwakho luyamangalisa.Kaloku wena uyinqaba yam,ungumqolomba ngomhla wembandezelo.

17 Ndiya kukubonga, mkhuseli wam.Mna ndizimela ngoThixo;ewe, uThixo ondithandayo.