Iindumiso 74 XHO96

Ukuthandazela inkululeko yesizwe

Umbongo ka-Asafu.

1 Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla?Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho?

2 Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo,owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho;khumbula ikhaya lakho intaba iZiyon.

3 Khawuye kuloo mabhodlo;iintshaba zabhuqa konke endlwini yakho.

4 Zabharhumla phakathi endaweni engcwele,zaza zamisa eyazo indwe.

5 Ezo zinxosha-nxosha zabhulula konke,ngathi ngabagawuli begec' imithi.

6 Zona izinto ezenziwe ngomthibazintlekeza ngooncelemba nezando.

7 Zayintumek' umlilo indawo engcwele,zayixabhela zayidiliza indlu yakho engcwele.

8 Zathi: “Masibabhangise kuthi tu.”Kulo lonke bazitshisa iindawo zokunqula.

9 Eyakuthi indwe ayisabonakali;akusekho namshumayeli,kungekho waziyo ukuba koda kube nini na.

10 Koda kube nini, Thixo, utshaba lungcikiva?Lohlala lukunyelisa njalo-njalo?

11 Kutheni ukuba ungasincedi?Ngani ukuba usonge izandla?

12 Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.

13 Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,waziqhekez' intloko iingwenya,

14 wasintlekeza intloko isilo solwandle,sakukutya kwelo libharhileyo.

15 Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,waza wayomisa imilambo engatshiyo.

16 Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.

17 Yamiswa nguwe imida yehlabathi;ngokukwanjalo ihlobo nobusika.

18 Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.

19 Ungabayekeli ezintshabeni abantu bakho;khumbula ngokubandezeleka kwabantu bakho.

20 Khawucinge ngomnqophiso wakho,kuba eli lizwe liphethwe zizibhojazona zigoxa kwamnyama-ndawo.

21 Sukubayekela abacinezelweyo;nawo amahlwempu neentsizana makakudumise.

22 Khawuvuke uhlanganise, Thixo;izibhoja zisoloko zikungcikiva.

23 Sukuyilibala intsholo yotshaba lwakho,umlembelele wengxolo yabakuchasayo.