1 Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla?Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho?
2 Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo,owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho;khumbula ikhaya lakho intaba iZiyon.
3 Khawuye kuloo mabhodlo;iintshaba zabhuqa konke endlwini yakho.
4 Zabharhumla phakathi endaweni engcwele,zaza zamisa eyazo indwe.
5 Ezo zinxosha-nxosha zabhulula konke,ngathi ngabagawuli begec' imithi.
6 Zona izinto ezenziwe ngomthibazintlekeza ngooncelemba nezando.
7 Zayintumek' umlilo indawo engcwele,zayixabhela zayidiliza indlu yakho engcwele.
8 Zathi: “Masibabhangise kuthi tu.”Kulo lonke bazitshisa iindawo zokunqula.
9 Eyakuthi indwe ayisabonakali;akusekho namshumayeli,kungekho waziyo ukuba koda kube nini na.
10 Koda kube nini, Thixo, utshaba lungcikiva?Lohlala lukunyelisa njalo-njalo?
11 Kutheni ukuba ungasincedi?Ngani ukuba usonge izandla?
12 Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.
13 Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,waziqhekez' intloko iingwenya,
14 wasintlekeza intloko isilo solwandle,sakukutya kwelo libharhileyo.
15 Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,waza wayomisa imilambo engatshiyo.
16 Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.
17 Yamiswa nguwe imida yehlabathi;ngokukwanjalo ihlobo nobusika.
18 Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.
19 Ungabayekeli ezintshabeni abantu bakho;khumbula ngokubandezeleka kwabantu bakho.
20 Khawucinge ngomnqophiso wakho,kuba eli lizwe liphethwe zizibhojazona zigoxa kwamnyama-ndawo.
21 Sukubayekela abacinezelweyo;nawo amahlwempu neentsizana makakudumise.
22 Khawuvuke uhlanganise, Thixo;izibhoja zisoloko zikungcikiva.
23 Sukuyilibala intsholo yotshaba lwakho,umlembelele wengxolo yabakuchasayo.