1 *LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.
2 Walisekela phezu kweelwandle;walithi zinzi phezu kwayo imilambo.
3 Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?
4 Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,lowo ungazinquliyo izintw' ezingento,low' ungafungiyo exoka.
5 Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,kuye kube chosi, kube hele,kuba nguThixo umkhululi wakhe.
6 Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.
7 Vulekani, masango;vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!
8 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!
9 Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!
10 Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;nguye uKumkani, nguye iNgangalala.