Iindumiso 37 XHO96

Isiphelo samatshijolo nesamalungisa

Umhobe kaDavide.

1 Mus' ukuziduba ngamatshijolo wena,ungabamoneli abenzi bobubi.

2 Kwakamsinya baya kubuna njengengca,bavuthuluke njengamagqabi.

3 Thembela *kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

4 Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

5 Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;yena ke wokwenzelelela.

6 Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,kucace mhlophe ukulunga kwakho.

7 Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

8 Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.

9 Kaloku othi shwaka amatshijolo,kodwa boba zizima-mhlaba abathembele kuNdikhoyo.

10 Ngumzuzwana nje athi shwak' amatshijolo;uthi uwakhangela ungawaboni.

11 Kodwa bona abathobekileyo bowuma umhlaba,baxhamle intlutha noxolo.

12 Amatshijolo awenzela amayelenqe amalungisa,awajamele ngentiyokazi enkulu.

13 Kodwa uNdikhoyo usuka acubhuke yintsini,kuba uyazi yena ukuba imihla yamatshijolo selisongekile.

14 Arhola amakrele, ajolise iintolo zawo amatshijolo,efun' ukuwisa iintsizana namahlwempu,abulale amalungisa.

15 Otyakatywa kwangelawo ikrele,zaphulwe nezo ntolo zawo.

16 Obo buncinanana linabo ilungisa,bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,

17 kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,awenzelelele wona amalungisa.

18 UNdikhoyo uyawabonelela amalungisa,awenze awume umhlaba ngalo lonk' ixesha.

19 Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;ohlutha naxa ikati selilel' eziko.

20 Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.

21 Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,ke lona ilungisa lipha ngesisa.

22 Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,bagxothwe abo abaqalekisayo.

23 NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.

24 Nokuba uwile, uyavuka,kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

25 Ndiyaluphala ngoku,ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,nabantwana balo belamba.

26 Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,nenzala yalo iyathamsanqelwa.

27 Yahlukana nobubi, wenze okulungileyo;uya kwalulelwa imihla yakho ebomini.

28 Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;akayi kubafulathela abantu bakhe.Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

29 Amalungisa aya kuba zizima-mhlaba,ahlale ngoxolo kude kube nini.

30 Ilungisa lithetha amazwi obulumko;into eliyithethayo isolokoilungile.

31 Lisoloko liwubambile umthetho kaThixo;alisoze licebuke kuwo nanini na.

32 Itshijolo lisoloko lizungula ukubulala amalungisa,

33 kodwa uNdikhoyo akayi kuliyekela kumatshijolo ilungisa,engayi kuliyekela lohlwaywe enkundleni yamatyala.

34 Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;wokunika umhlaba uwume,uwabone amatshijolo etshabalala.

35 Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.

36 Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;ndalikhangela, andalifumana konke.

37 Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;

38 kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,nenzala yabo iphanziswe kuphele.

39 NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.

40 Nguye owancedayo, awahlangule,awasindise kumatshijolo,kuba akholose ngaye amalungisa.