1 Ndizibika kuwe, *Ndikhoyo, xhadi lam;musa ukuzenza isithulu, hleze ndifane nabeyel' emhadini xa uthe cwaka.
2 Live ilizwi lam xa ndizibika,xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.
3 Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw' abagwenxa,abantw' abenza okungcolileyo,abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush' ububi.
4 Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.Bavuze ngokwezintw' abazenzayo,bafumane loo nto ibafaneleyo.
5 Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,kwakunye nezintw' azenzileyo,yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,bangaze babuye bavuke.
6 Makabongwe uNdikhoyo,kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.
7 NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,ndimbonge ngengoma.
8 NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.
9 Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;lithamsanqelise ilifa lakho.Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.