1 Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;memelelani nidumise uThixo kaYakobi.
2 Hlabelani nitsho ngohadi;dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.
3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4 Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,lisiko loThixo kaYakobi.
5 Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6 “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,zaxibilika iingobozi ezandleni.
7 Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8 “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!
9 Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.
10 Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenuowanikhuphayo kwelamaJiputa;khamisani, mna ndiza kunifunza.
11 “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;abafunanga nokuva oku ngam.
12 Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,ukuze benze ngokuthanda kwabo.
13 Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;akwaba ubungandithobela, Sirayeli.
14 Bendingazigeqayo iintshaba zakho;ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.
15 Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,isigwebo sabo sibe ngumlibe.
16 Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,ndinanelise ngobusi obupholileyo.”