1 Yizani sombelele *uNdikhoyo,simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!
2 Masiye kuye sinombulelo,simombelele iingoma zokubonga.
3 Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.
4 Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;iinzulu neencopho zilawulwa nguye.
5 Ulawula ulwandle kuba walwenza;nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.
6 Yizani siqubude simnqule,siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,
7 kuba yena nguThixo wethu.Thina singumhlambi awalusayo,iigusha ezondliwa nguye.Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:
8 “Musan' ukuba neenkani, njengookhokho benu eMeribha,njengemihla yaseMasa entlango,
9 apho bandilingayo,naxa babezibona izinto endandibenzela zona.
10 Iminyaka emashumi mane bandikruqula,ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;abayithobeli imiyalelo yam.’
11 Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”