Iindumiso 7 XHO96

Ukuthandazela ukuncedwa kwelungisa

Isililo sikaDavide awasivumela *uNdikhoyo ngenxa kaKushe wesizwe sakwaBhenjamin.

1 Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!Ndihlangule, undisindise kubo bonk' abandileqayo,

2 hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.

3 Thixo wam, Ndikhoyo,ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:ukuba kukho bani ndimonileyo,

4 nokuba ndingcatshe umhlobo wam,okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,

5 malundileqe ke lundifumane utshaba,lundinqumle, ndife kube kanye,lundishiye apho ndilutywantsi.

6 Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.Thixo wam, vuka undincede;kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.

7 Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.

8 NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.

9 Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.

10 Likhaka lam uThixo,uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.

11 UThixo ngumgwebi olilungisa;unguThixo ocatshukisw' imihla nezolo.

12 Ukuba abazohlwayi abantuwolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;

13 uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,wajolisa ngeentolo ezinomlilo.

14 Khangela, umnt' ogwenxa ukhawula ukungcola,amith' ubumenemene, azal' ubuxoki.

15 Umba umhadi onzulu,ajike eyele kwakuloo mgibe awenzileyo;

16 urhintyelwa kwabubumenemene bakhe,isikhuni sibuye nomkhwezeli.

17 Ndiyambulela uNdikhoyo ngenxa yobulungisa bakhe.Ndisaya kumbonga uNdikhoyo uPhezukonke.