Iindumiso 73 XHO96

ICANDELO LESITHATHU

Ubulungisa bukaThixo

Umhobe ka-Asafu.

1 Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;ulungile kwabantliziyo zinyulu.

2 Kodwa ke mna suka ndathandabuza,ewe, gcwizi ndityibilike,

3 kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.

4 Kaloku bona abazani nantlungu;baphile bayimiqaba-qaba.

5 Abakhathazwa nto njengabanye abantu;abafunyanwa zizibetho njengabanye.

6 Ngoko ke bagaxel' ikratshi;bathi wambu ugonyamelo.

7 Badumb' amehlo kukutyeba;iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.

8 Bayangcikiva benentlamba;baziphakamisile basongela ngengcinezelo.

9 Bangcikiva nkqu namazulu;batheth' unothanda emhlabeni.

10 Ke bona abantu bayabamkela;barhorhozela emva kwabo.

11 Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”

12 Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.

13 Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?

14 Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.

15 Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.

16 Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,kodwa suka yayinkinge kum.

17 Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

18 Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.

19 Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.

20 Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.

21 Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,

22 ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.

23 Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.

24 Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.

25 Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

26 Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

27 Abakutyeshelayo baya kubhanga;uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.

28 Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.