Iindumiso 94 XHO96

UThixo umgwebi woluntu

1 *Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi,wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise.

2 Lamla, wena mgwebi woluntu;babuyekeze kwangezitya zabo abantw' abazingcayo!

3 Koda kube nini na, Ndikhoyo,koda kube nini kakade esivuyelela amatshijolo?

4 Koda kube nini eqhayisa;koda kube nini ezidla ngokungcola kwawo?

5 Ayababulala abantu bakho, Ndikhoyo;ayawucinezela umzi wakho amatshijolo.

6 abandezele abahlolokazi neenkedama,abulale nabantu basemzini.

7 Ade athi: “Akaboni nto uNdikhoyo;akaqondi konke uThixo kaYakobi.”

8 Lumkani, bantundini bazizidenge!Noda niqiqe nini, zityhifilindini?

9 Nithini? Nithi uThixo owadala iindlebe akeva?Nithi lo wenza amehlo enu akaboni?

10 Lo ulawula zonk' iintlanga nithi akanakuzohlwaya?Lo ufundise abantu nithi akazi nto?

11 Ulogocagoca iingcinga zabantu,uyazi ukuba zibubuvuvu nje bodwa.

12 Unoyolo lowo uyalwa nguwe, Ndikhoyo;nditsho ofundiswa nguwe umyalelo wakho.

13 Umnika inzolo ngemihla yobubi,lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.

14 Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;akasoze ayilahle indlu yakhe.

15 Kobakho ubulungisa ezinkundleni,abulandele onke amalungisa.

16 Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?Yoba ngubani na ongakum?

17 Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,ngesele ndikwantsonga-nyawana.

18 Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

19 Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

20 Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.

21 Bayalihlanganyela ilungisa bona,bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.

22 Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;yinqaba endizimela ngayo.

23 UNdikhoyo wobohlwaya ngenxa yenkohlakalo yabo,batshabalalele kobo bugwenxa babo;wobabhangisa kuphele tu uThixo.