Iindumiso 90 XHO96

ICANDELO LESINE

Amandla kaThixo nobulwelwe bomntu

Umthandazo kaMosis, isicaka sikaThixo.

1 Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,izizukulwana ngezizukulwana.

2 Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

3 Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”

4 Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,lona liyafana nemini yezolo,lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

5 Uphephetheka njengephepha umntu;uphela okobuthongo, abune njengengca,

6 yona iba luhlaza kusasa,ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.

7 Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,uyasigqiba umsindo wakho.

8 Izono zethu zaziwa nguwe,nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.

9 Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,yadlula ngathi kukuqhwanyaza.

10 Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe,xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo;kodwa iza neenkxwaleko neentsizi,imihla yethu ithi tshe iphele.

11 Ngubani owaziyo umsindo wakho;ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?

12 Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,ukuze sizuze ubulumko.

13 Yiba nebuyambo, *Ndikhoyo;koda kube nini usifulathele?Yiba nenceba kuthi zicaka zakho.

14 Sithululele izibele zakho kwangentseni,size sonwabe, simemelele yonke imihla yobomi bethu.

15 Sithuthuzele kaloku wakuba usohlwayile;sonwabe kangangoko ubusibandezele.

16 Bubonakalise ububele bakho kuthi zicaka zakho,ukuze nesizukulwana sethu sisazi isihomo sakho.

17 Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.