1 Ndiphendule ndakukhala kuwe,Thixo, mlondolozi wamalungelo am!Wandikhulula embandezelweni yam;yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.
2 Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?
3 Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;uyandiva xa ndizibika kuye.
4 Xa niqumbileyo, ze ningoni;loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.
5 Menzeleni amadini alungileyo,nikholose ngaye uNdikhoyo.
6 Baninzi abalangazelela okulungileyo.Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,
7 usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbobakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.
8 Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.