Iindumiso 118 XHO96

Ukubulela ngenxa yobubele bukaThixo

1 Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;izibele zakhe zohlala zihleli.

2 Ewe, makatsho uSirayeli athi:“Izibele zakhe soze zitshitshe.”

3 Ngokunjalo nendlu ka-Aron mayithi:“Ngenene izibele zakhe soze zithini.”

4 Ewe, abamthobelayo uNdikhoyo mabathi:“Izibele zakhe zifikelela ephakadeni.”

5 Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,waza yena wasabela wandihlangula.

6 Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

7 Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.

8 Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,kunokuba uthembele ngomntu.

9 Kubhetele ukholose ngoNdikhoyo,ndaweni yokukholosa ngamanene.

10 Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.

11 Ewe, zazindirhawule mbombo zone,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.

12 Wena wakha wagutyungelwa libubu leenyosi?Hayi, zazidangazela njengomlilo wameva,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndaziswantsulisa.

13 Zazindityhala ndaphantse ndakhahlelwa phantsi,kodwa nalapho uNdikhoyo wandinceda.

14 Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;ewe kaloku, ndisindiswa nguye.

15 Nantso intsholo yoloyiso ivakala;kaloku amalungisa ayamemelela,athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;

16 amandla kaNdikhoyo abalasele;ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”

17 Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.

18 Yena undohlwaye kabukhali;kambe ke akandiyekelanga ekufeni.

19 Khanindivulele amasango endlu kaThixo,khon' ukuze ndingene ndidumise uNdikhoyo.

20 Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;ngamalungisa odwa angenayo ngalo.

21 Ndiyabulela kuba undivile;kaloku wena ungumhlanguli wam.

22 Kaloku ilitye abalidelayo abakhilaba lelona libalulekileyo lesiseko.

23 Ewe, lo ngumsebenzi kaNdikhoyo;kambe ke thina uyasimangalisa.

24 Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

25 Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!

26 Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.

27 UNdikhoyo nguThixo, usikhanyisele.Yenzani umngcelele wokubulela, niphethe amahlamvu,ningqungqe, nilijikeleze iqonga lamadini.

28 UnguThixo wam, ndiyakubulela;ubungangamsha bakho, Thixo, ndiya kububhengeza.

29 Mdumiseni uNdikhoyo, kuba elungile;izibele zakhe zohlala zihleli.