1 Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;maxa onke ziyanditshutshisa.
2 Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.
3 Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
4 UThixo olizwi ndilidumisayondikholosa ngaye ndingenadyudyu.Soze andenze nto umntu.
5 Iintshaba zam ziyaphixanisa;zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.
6 Ziphum' izithuba, ziyandilalela;zithene mbende nam.Kaloku ziyandizungula.
7 Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.
8 Uyakubona ukubhadula kwam,neenyembezi zam uyazibona.Kaloku uyazibhala ezi zinto.
9 Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.
10 UThixo olizwi ndilidumisayo,*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,
11 ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.Soze andenze nto umntu.
12 Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,ndenze umbingelelo wokukubulela;
13 kuba undihlangule ekufeni,undisindise ekoyisweni,ukuze ndibe phambi koThixo,ndidle ubomi njalo-njalo.