1 Ndokudumisa, Ndikhoyo, kuba undisindisile,akwavuma ukuba zindivuyelel' iintshaba zam.
2 Ndikhoyo, Thixo wam, ndibhenela kuwe;kuba wena undihlangule ekufeni.
3 Wandikhupha kwelabafileyo wena, Ndikhoyo;wandikhetha kwabo behlela emhadini.
4 Mbongen' uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,nilibonge igama lakhe elingcwele.
5 Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.
6 Xa izinto zazindilungele,ndandidla ngokuthi: “Andisoze ndoyisakale.”
7 Ewe, ndandithe zinzi njengentabangenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.Suka wena wasithela;ndaza mna ndakhathazeka.
8 Kodwa ndithembele kuwe, Ndikhoyo;ndiyazithoba kuwe, Nkosi yam.
9 Kukho nzuzoni na xa ndiye kwantshabalala?Lunganako na ukukudumisa uthuli?Khona lungabalisa na ngokunyaniseka kwakho?
10 Ndive, Ndikhoyo, undenzele inceba;Ndikhoyo, yiba ngumncedi wam.
11 Wabuguqula baluvuyo ubunzima bam;wandikhulul' ezokuzila, wandambathis' ezolonwabo.
12 Mandikubonge ndingayeki, Thixo wam;ewe, ndikubonge kude kube ngunaphakade, Ndikhoyo!